2 UYohane, esentolongweni, weva ngemisebenzi kaKrestu, waza wathumela abafundi bakhe,
3 ukuba babuze kuye, bathi: “Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?”
4 Waphendula uYesu, wathi kubo: “Hambani niye kumbalisela uYohane ezi zinto nizibonayo nenizivayo;
5 okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, abasweleyo bayazishunyayezwa iindaba ezimnandi.
6 Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim!”
7 Bakuba bemkile ke abathunywa bakaYohane, uYesu wathetha ngoYohane kwisihlwele, esithi: “Naniphume nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na izanya-zanyiswa ngumoya?
8 Naniphume nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumntu ohombileyo na? Niyabona, abo bahombayo basezindlwini zookumkani.