20 Waza uYesu wazisola ngokungaguquki kwazo iidolophu apho wayesenza khona inkoliso yemimangaliso yakhe, esithi:
21 “Mawoo, wena Korazin! Mawoo, wena Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abemi bakhona ngebaguqukayo kwakudala, bambatha ezirhwexayo, bazigalela uthuthu.
22 Ewe, ndithi kuni, ngomhla womgwebo koba nokunyamezeleka okweTire nokweSidon kunokwenu.
23 Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo. Ukuba yayithe yenzeka eSodom imimangaliso eyenzeke kuwe, ngeyisekho nanamhla.
24 Ewe, ndithi kuni, ngomhla womgwebo koba nokunyamezeleka okweSodom kunokwenu.”
25 Ngelo xesha uYesu wathi: “Ndiyakudumisa, wena Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuzifihla kwakho ezi zinto kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana.
26 Ewe, Bawo, wênjenje kuba kukholekile kuwe.