15 Ekwazile oko, uYesu wemka apho.UYesu walandelwa ngabantu abaninzi, waza wabaphilisa bonke,
16 ebayala ukuba bangaxeleli bani ngaye,
17 ukuze lizaliseke ilizwi likaThixo elathethwa *ngumshumayeli uIsaya lisithi:
18 “Naso isiCaka sam endisinyulileyo,eso sisenyongweni kum, endikholiweyo siso.Ndosifaka uMoya wam,sizazise isigwebo iintlanga.
19 Asiyi kuba nephike sikhwaze,lingayi kuviwa bani ezitalatweni izwi laso.
20 Ingcongolo eyaphukileyo asiyi kuyiqhawula,nesibane esilozizayo asiyi kusicima.Siya kubuzinzisa bude bongame ubulungisa.
21 Kananjalo iintlanga zokholosa ngaso.”