17 ukuze lizaliseke ilizwi likaThixo elathethwa *ngumshumayeli uIsaya lisithi:
18 “Naso isiCaka sam endisinyulileyo,eso sisenyongweni kum, endikholiweyo siso.Ndosifaka uMoya wam,sizazise isigwebo iintlanga.
19 Asiyi kuba nephike sikhwaze,lingayi kuviwa bani ezitalatweni izwi laso.
20 Ingcongolo eyaphukileyo asiyi kuyiqhawula,nesibane esilozizayo asiyi kusicima.Siya kubuzinzisa bude bongame ubulungisa.
21 Kananjalo iintlanga zokholosa ngaso.”
22 Kwathi kwaziswa kuYesu umntu ophethwe yindimoni, eyimfama, esisimumu. UYesu wamphilisa loo mntu, wathetha, wabona nokubona.
23 Samangaliswa sonke isihlwele, sathi: “Akungebi nguNyana kaDavide lo?”