26 Yakudubula ke ingqolowa, iqala ukuba neenkozo, lwabonakala ukhula.
27 Zaza izicaka zaya kumnini-mzi, zathi kuye: ‘Nkosi, ibingeyombewu ilungileyo na oyihlwayeleyo entsimini yakho? Ngaba luvela phi na ke ukhula?’
28 Wathi kuzo: ‘Le nto yenziwe lutshaba.’ Zaza izicaka zathi kuye: ‘Ngaba ufuna siye kuluncothula na ukhula?’
29 Kodwa yena wathi: ‘Hayi, hleze kuthi xa nincothula ukhula, nincothule kwanengqolowa.
30 Luyekeni ukhula, lukhule kunye nengqolowa, kude kube lixesha lokuvuna. Xa kuvunwayo ke, ndothi kubavuni: “Kuqala qokelelani ukhula, nilubophe izithungu, nilutshise, nize ke ingqolowa niyiqokelelele esiseleni sam.” ’ ”
31 Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokhozo lwembewu yemostade, athe ubani waluthatha, waluhlwayela entsimini yakhe.
32 Ukhozo lwemostade lolona luncinane kunazo zonke iintlobo zembewu, kanti lwakukhula luba lukhulu kunayo yonke imifuno, lube ngumthi omkhulu kangangokuba neentaka zifike, zakhele emasebeni awo.”