23 Akuba ke esindulule isihlwele, wenyuka intaba eyedwa, esiya kuthandaza. Kwahlwa eyedwa khona apho.
24 Ngelo xesha isikhitshana sasesiphakathi elwandle, sintlithwa ngamaza, kuba umoya wawuvela ngaphambili.
25 Kwathi ke, kungekasi, uYesu weza kubo, ehamba phezu kwamanzi olwandle.
26 Abafundi bakumbona ehamba phezu kwamanzi, bankwantya, bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala kukoyika.
27 Kwangoko ke wathetha nabo uYesu, esithi: “Yomelelani; ndim; musani ukoyika.”
28 Wavakala uPetros esithi: “Nkosi, ukuba ngaba nguwe ngenene, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.”
29 UYesu wathi: “Yiza.” Wehla ke esikhitshaneni uPetros, wahamba phezu kwamanzi, waya kuYesu.