21 Emkile apho uYesu, waya kummandla waseTire naseSidon.
22 Kwathi thu umKananekazi, evela kuloo mimandla, ekhala esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, yiba nenceba kum. Intombi yam iphethwe kakubi yindimoni.”
23 Kodwa uYesu akamphendulanga tu. Basondela abafundi bakhe, bambongoza besithi: “Mvumele, kuba nanku ekhwaza emva kwethu.”
24 Waphendula wathi: “Ndithunyelwe kuphela kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.”
25 Weza ke, waqubuda kuye, wathi: “Nkosi, ndincede.”
26 Yena waphendula wathi: “Akufanelekanga ukuba ukutya kuthathwe kubantwana, kunikwe iinjana.”
27 Waphendula yena wathi: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana ziyatya kwimvuthuluka ewayo etafileni yabaninizo.”