30 Kweza kuye ke izihlwele zabantu, zizisa iziqhwala, neemfama, nezilima, nezimumu, nabanye abaninzi ababeyimilwelwe, zababeka phambi koYesu, waza yena wabaphilisa.
31 Zamangaliswa ke izihlwele ezo, zakubona izimumu zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zaza zamdumisa uThixo kaSirayeli.
32 UYesu, ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi: “Ndiyasivela esi sihlwele saba bantu bangakanana, kuba sekuziintsuku ezintathu bekunye nam, yaye ke àbasenanto ityiwayo. Andifuni ukubandulula bengatyanga, hleze baphelelwe endleleni.”
33 Baza bathi kuye abafundi: “Zingafumaneka phi na entlango apha izonka ezinokubanela abantu abangaka?”
34 Waza wathi kubo uYesu: “Zingaphi izonka eninazo?”Bathi ke bona: “Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa.”
35 UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele;
36 wazithatha ezo zonka zisixhenxe nezo ntlanzi, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, baza bona banika isihlwele.