35 UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele;
36 wazithatha ezo zonka zisixhenxe nezo ntlanzi, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, baza bona banika isihlwele.
37 Batya bonke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela.
38 Amadoda atyáyo aba kumawaka amane, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana.
39 Wasindulula ke uYesu isihlwele, wakhwela esikhitshaneni, wafika kummandla waseMagadan.