4 Kaloku uThixo wathi: ‘Beka uyihlo nonyoko,’ watsho nokuthi: ‘Othuka uyise, nokuba ngunina, makabulawe.’
5 Kanti nina nithi ukuba ubani unento angamnceda ngayo uyise nokuba ngunina, kodwa asuke athi loo nto ingumnikelo kuThixo,
6 akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina. Ngokwenjenjalo nithi ngenxa yesithethe senu, nilenze into engento ilizwi likaThixo.
7 Bahanahanisindini, uIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, esithi:
8 “ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo,kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi.
9 ‘Bafumana bendihlonela,kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’”
10 UYesu, eyibizele kuye indimbane, wathi: “Phulaphulani niqonde.