6 akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina. Ngokwenjenjalo nithi ngenxa yesithethe senu, nilenze into engento ilizwi likaThixo.
7 Bahanahanisindini, uIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, esithi:
8 “ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo,kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi.
9 ‘Bafumana bendihlonela,kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’”
10 UYesu, eyibizele kuye indimbane, wathi: “Phulaphulani niqonde.
11 Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto azithetha ziphume kuye ngomlomo ezimngcolisayo.”
12 Basondela kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Uyazi nje ukuba *abaFarasi bakhutyekisiwe yintetho yakho?”