2 Waphendula ke wathi kubo: [“Ukutshona kwelanga nithi: ‘Liya kuba lihle, kuba amafu abomvu.’
3 Kusasa nithi: ‘Namhlanje liza kuna, kuba lisibekele.’ Niyayahlula ke imo yezulu. Kutheni na phofu ningayahluli nje imiqondiso yeli xesha sikulo?]
4 Sisizukulwana esikhohlakeleyo, nesikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, esifuna umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso ngaphandle komqondiso kaJona.” Wabashiya ke wemka.
5 Ekuluweleni kwabo abafundi bakaYesu uLwandle lwaseGalili, bâlibala ukuphatha isonka;
6 waza uYesu wathi kubo: “Ligqaleni nililumkele igwele *labaFarasi *nabaSadusi.”
7 Bona ke babesithi omnye komnye: “Útsho ngokuba singaphathanga zonka.”
8 UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka, nina balukholo luncinane?