8 UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka, nina balukholo luncinane?
9 Anikaqondi na? Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iingobozi ezazizele yintsalela okuya ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu?
10 Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iibhaskiti ezazizele yintsalela okuya ndandiqhekezela amawaka amane izonka ezisixhenxe?
11 Yini na okokuba ningaqondi ukuba bendingathethi sonka xa bendisithi kuni: ‘Lilumkeleni igwele labaFarasi nabaSadusi’?”
12 Baqonda ke ngoko ukuba uYesu ubengàtsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka, koko wayesithi mabalumkele imfundiso yabaFarasi nabaSadusi.
13 UYesu efikile kummandla waseKhesariya-Filipi, wababuza abafundi bakhe, esithi: “Ngaba abantu bathi ùngubani na *uNyana woLuntu?”
14 Bamphendula besithi: “Abathile bathi ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya; babe abanye besithi ùnguJeremiya, okanye ùngomnye *wabashumayeli bamandulo.”