10 Bambuza ke uYesu abafundi, besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?”
11 Waphendula wathi: “Ewe, okunene nguEliya omelwe kukufika kuqala, azilungise zonke izinto.
12 Mna ke ndithi kuni: uEliya selefikile, baza abantu àbamazi, koko bênza kuye konke abakuthandayo. Ngokukwanjalo naye uNyana woLuntu seleza kuviswa ubunzima ngabo.”
13 Baqonda ke abafundi okokuba wayethetha ngoYohane umbhaptizi.
14 Bakubuyela esihlweleni, kweza indoda kuYesu, yaguqa phambi kwakhe,
15 yathi: “Nkosi, menzele inceba unyana wam. Uphethwe kakubi sisithuthwane. Usoloko esiwa emlilweni okanye emanzini.
16 Ke bendimzisile kubafundi bakho, kodwa àbaba nako ukumphilisa.”