12 Mna ke ndithi kuni: uEliya selefikile, baza abantu àbamazi, koko bênza kuye konke abakuthandayo. Ngokukwanjalo naye uNyana woLuntu seleza kuviswa ubunzima ngabo.”
13 Baqonda ke abafundi okokuba wayethetha ngoYohane umbhaptizi.
14 Bakubuyela esihlweleni, kweza indoda kuYesu, yaguqa phambi kwakhe,
15 yathi: “Nkosi, menzele inceba unyana wam. Uphethwe kakubi sisithuthwane. Usoloko esiwa emlilweni okanye emanzini.
16 Ke bendimzisile kubafundi bakho, kodwa àbaba nako ukumphilisa.”
17 Waphendula uYesu wathi: “Sizukulwanandini esingàkholwayo, esigwenxa, koda kube nini ndinani, ndininyamezele? Mziseni apha kum!”
18 Wayikhalimela uYesu indimoni leyo, yaza yaphuma kumntwana lowo, waphila kwangoko.