1 Ngelo xesha abafundi bakaYesu beza kuye, babuza besithi: “Nguwuphi oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixo?”
2 UYesu wabizela umntwana kuye, wammisa phambi kwabo,
3 wathi: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga nijike nibe njengabantwana, anisoze nifikelele kumgangatho wabalawulwa nguThixo.
4 Oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixoOkanye “oyena mkhulu ebukumkanini bezulu” ngulowo uzithobayo abe njengalo mntwana.
5 Othe egameni lam wamkela nokuba mnye onje, wamkela mna.”