11 Kaloku *uNyana woLuntu weza kusindisa abo balahlekileyo.]
12 “Nithini ke nina? Ukuba ubani unekhulu leegusha, kuze kulahleke ibe nye kuzo, akayi kuzishiya na edlelweni ezo zimashumi alithoba anethoba, aye kufuna leyo ilahlekileyo?
13 Ukuba ke uthe wayifumana, ndithi kuni, inene, uyavuya kukuyifumana leyo ngaphezu kokuba evuya zezinye ezimashumi alithoba anesithoba ezingalahlekanga.
14 Kwangokunjalo naye uYihlo osezulwini akafuni kulahleke nokuba abe mnye kwaba bancinane.”
15 “Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu.
16 Ke ukuba úthe akeva, yiya kuye uhamba nomnye umntu, nokuba babini, ukuze loo ngxoxo ibe namangqina amabini okanye amathathu.
17 Ukuba úthe akabeva nâba, xelela ibandla. Ukuba ke úthe akaliva ibandla, kuwe makabe njengâbo ungenabudlelane nabo mpela.