28 “Kwathi siphumanje eso sicaka, sadibana nomnye osisicaka kunye naso, owayesibamba imalana engephi, sambamba, samkrwitsha, sisithi: ‘Khupha imali yam!’
29 Sawa phantsi isicaka eso, sasibongoza esinye, sisithi: ‘Khawundimele; ndoyihlawula yonke.’
30 Asivumanga, saya sasiphosa entolongweni esinye, lide libe lihlawulekile elo tyala.
31 Zathi ke ezinye izicaka, zikubonile okwenzekileyo, zakhathazeka kakhulu, zaya kuxelela inkosi yazo konke okwenzekileyo.
32 Yaza inkosi yasibiza eso sicaka senze loo nto, yathi kuso: ‘Sicakandini esikhohlakeleyo, ndâkuxolela lonke elaa tyala wakundibongoza;
33 ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kosisicaka kunye nawe, njengokuba nam ndikwenzele inceba?’
34 Yacaphuka inkosi yaso, yasithumela entolongweni ukuba sohlwaywe de silihlawule lonke ityala laso.