4 Wabaphendula wathi: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi: ‘UMdali wabadala kwasekuqalekeni bayindoda nomfazi.
5 Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane’?
6 Ke ngoko àbasebabini, koko banye. Abo ke uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”
7 AbaFarasi bathi kuye: “Kwakutheni ke ngoko ukuba uMosis avumele indoda ukuba ibhale incwadi yokuqhawula umtshato, ize imale umfazi wayo?”
8 UYesu wathi kubo: “Kwakungokuba lukhuni kweentliziyo zenu ukuba uMosis anivumele nibàle abafazi benu, kodwa ekuqalekeni kwakungenjalo.
9 Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe, engakrexezanga, aze athathe omnye, nguye okrexezayo.”
10 Ke abafundi bakaYesu bathi kuye: “Ukuba unjalo umcimbi wendoda nomfazi, ukuzeka akulunganga.”