2 zisithi: “Uphi na lo kumkani wamaJuda uzelweyo? Sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; ke size kumnqula.”
3 Akukuva oku ukumkani uHerode, wakhathazeka, nayo yonke iJerusalem.
4 Ebahlanganisile ke bonke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho balapho, wabuza kubo ukuba uKrestu ubeya kuzalelwa phi na.
5 Bathi kuye: “EBhetelehem kwaJuda, kuba kubhaliwe *ngumshumayeli kwathiwa:
6 “ ‘Wena Bhetelehem, sithili sakwaJuda,akunguye oyena udelekileyo kubalawuli bakwaJuda,kuba kuwe kuya kuphuma uMlawulioya kuba nguMalusi wabantu bam amaSirayeli.’”
7 UHerode ke uzibizele ngasese iingcali ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo.
8 Wazithumela eBhetelehem, esithi: “Hambani niye kubuzisa kakuhle ngomntwana lowo. Ze nithi ke, nakumfumana, nindixelele, ukuze nam ndiye kumnqula.”