6 “ ‘Wena Bhetelehem, sithili sakwaJuda,akunguye oyena udelekileyo kubalawuli bakwaJuda,kuba kuwe kuya kuphuma uMlawulioya kuba nguMalusi wabantu bam amaSirayeli.’”
7 UHerode ke uzibizele ngasese iingcali ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo.
8 Wazithumela eBhetelehem, esithi: “Hambani niye kubuzisa kakuhle ngomntwana lowo. Ze nithi ke, nakumfumana, nindixelele, ukuze nam ndiye kumnqula.”
9 Zakuba zimvile ukumkani, iingcali zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga, izikhokela, de yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo.
10 Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya gqitha.
11 Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zaqubuda, zamnqula; zaza zathi, zivule iingxowa zazo, zanikela kuye ngezipho: igolide, intlaka yokuqhumisa, nentlaka yokuqhola.
12 Zathi ke, ziyalelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngandlela yimbi ukuya kwelakowazo.