14 Thatha imali yakho, uhambe. Ndizithandele okokuba lo mntu ufike mva ndimamkelise njengawe.
15 Kakade ndingenza nayiphi na into endiyithandayo ngemali yam. Kutheni ukuba wena ube nomona ngenxa yokuba mna ndinenceba?’
16 “Kwangokunjalo ke abokugqibela boba ngabokuqala, nabokuqala babe ngabokugqibela.”
17 Kwathi, xa uYesu wayeza kuya eJerusalem, wababizela ecaleni abafundi bakhe abalishumi elinambini, wathetha nabo behamba endleleni, wathi:
18 “Niyabona, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa,
19 bamnikele ezandleni zeentlanga. Zona ke ziya kumenza intlekisa, zimkatse, zimbethelele emnqamlezweni; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke ekufeni.”
20 Ngelo xesha unina woonyana bakaZebhedi weza kuYesu, ehamba noonyana bakhe; wafika wavova phambi kwakhe enesicelo.