1 Waza uYesu wathetha nesihlwele nabafundi bakhe,
2 esithi: “Abachazi-mthetho *nabaFarasi banegunya lokuchaza *umthetho kaMosis.
3 Ke ngoko kuveni nikwenze konke abanokuthi banixelele kona; kodwa ukwenza ze ningenzi ngokwezenzo zabo, kuba bayathetha baze kwabona bangakwenzi oko bakuthethileyo.
4 Kaloku iimfundiso zabo ziyimithwalo enzima, abayibeka emagxeni abantu, kanti bona ngokwabo abafuni ukuyichukumisa nangomnwe lo.