34 Ke ngoko, niyabona, ndonithumela abashumayeli, nezilumko, nabachazi-mthetho. Inxenye yabo niya kuyibulala, niyibethelele eminqamlezweni; inxenye niyikatse *ezindlwini zenu zesikhungo, nibatshutshisa kwizixeko ngezixeko.
35 Ngako oko lobizwa kuni igazi lawo onke amalungisa elithe laphalazwa emhlabeni, ukususela kwelika-Abheli olilungisa, kuse kwelikaZakariya, unyana kaBherekiya, enambulalela endlwini kaThixo phakathi kwengcwele neqonga lamadini.
36 Ndithi kuni, inene, isohlwayo sazo zonke ezo zinto siya kuba phezu kwabantu besi sizukulwana.”
37 “Jerusalem, Jerusalem, wena mbulali *wabashumayeli, ubaxuluba ngamatye abo bathunywe kuwe nguThixo! Kunini na ndifuna ukubawola abantu bakho ngokwesikhukukazi esigquma amantshontsho aso ngamaphiko, waza àwavuma!
38 Niyabona ke, uThixo uyanifulathela nomzi wenu.
39 Ndithi kuni, ukususela ngoku anisayi kuba sandibona, de nithi: ‘Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.’”