4 Kaloku iimfundiso zabo ziyimithwalo enzima, abayibeka emagxeni abantu, kanti bona ngokwabo abafuni ukuyichukumisa nangomnwe lo.
5 Konke okulungileyo abakwenzayo, bakwenzela ukuze babonwe ngabantu. Bawabopha ngemixwayo ebanzi amaqhaga anezicatshulwa zomthetho; bazenze nde iintshinga zezambatho zabo;
6 bathande iindawo zamawonga ezidlweni, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungo;
7 bathande ukuba kukhahlelwe kubo emabaleni embutho, bethanda nokuba abantu bathi kubo: ‘Mfundisi!’
8 Ke kuni ze kungathiwa ‘mfundisi,’ kuba mnye uMfundisi eninaye, nibe nina nonke niyimilowo.
9 Ze ningabizi mntu emhlabeni apha ngokuthi nguyihlo, kuba mnye uYihlo, lowo ke usezulwini.
10 Ngokukwanjalo ze kungàthiwa niziinkokheli, kuba mnye uMkhokeli wenu, *uKrestu ke.