42 “Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu.
43 Kakade ukuba umninimzi ebesazi ukuba isela lofika nini na ebusuku, nge-egadile, waza àkavuma ukuba kuqhekezwe endlwini yakhe.
44 Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.”
45 “Ngubani na oseso sicaka sithembekileyo siqondayo, eyathi inkosi yaso yasimisa phezu kwabendlu yayo, ukuze sibanike umxhesho wabo ngexesha elililo?
46 Siyachulumacha eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika isifumane sisenjenjalo.
47 Ndithi kuni, inene, eso sicaka inkosi yosiphathisa yonke impahla yayo.
48 Kodwa ukuba eso sicaka sikhohlakele, sisuke sicinge sithi: ‘Inkosi yam ilibele;’