9 “Ngelo xesha baya kunibamba, baninikele ekutshutshisweni, banibulale. Niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.
10 Ngelo xesha abaninzi baya kurhoxa elukholweni, bangcatshane, bathiyane.
11 Kuya kuvela *abashumayeli abaxokayo, balahlekise abantu abaninzi.
12 Ububi buya kwanda kangangokuba luphole uthando lwabaninzi.
13 Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa.
14 Ezi ndaba zimnandi zolawulo lukaThixo ziya kushunyayelwa kulo lonke ihlabathi, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, size ke sifike isiphelo.”
15 “Xa ke ngoko nithe nalibona ‘isikizi elimanyumnyezi, mhla ngophanziso;’ elo *umshumayeli uDaniyeli athetha ngalo, limi ‘endaweni engcwele’ (ofundayo makaqiqe),