16 Eso sanikwa ekumawaka amahlanu, sithe kwangoko sasebenza ngawo, sazuza amanye amahlanu.
17 Ngokukwanjalo neso sanikwa ekumawaka amabini, sazuza amanye amabini.
18 Ke sona eso sasinikwe ekwiwaka elinyé, semka saya kuyimbela siyifihla imali yenkosi yaso.
19 “Emva kwexesha elide yabuya inkosi yezi zicaka, yafuna ingxelo kuzo.
20 Seza eso sasinikwe ekumawaka amahlanu, siphethe kwanamanye amahlanu, sathi: ‘Nkosi, ubundigcinise imali ekumawaka amahlanu eerandi. Nantsi ke enye, mhlekazi, ekumawaka amahlanu endithe ndayizuza.’
21 Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’
22 “Seza neso sicaka sasinikwe ekumawaka amabini, sathi: ‘Nkosi, ubundigcinise imali ekumawaka amabini eerandi. Nantsi ke, mhlekazi, enye ekumawaka amabini endithe ndayizuza.’