31 “Xa athe wafika *uNyana woLuntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa zezulu, uya kuhlala enkundleni yakhe yobungangamsha,
32 zihlanganiselwe phambi kwakhe zonke iintlanga. Wothi ke abahlule abanye kwabanye ngokomalusi esahlula iigusha ezibhokhweni.
33 Zona iigusha wozibeka ngasekunene kwakhe, iibhokhwe ngasekhohlo.
34 Ukumkani ke uya kuthi kwabangasekunene: ‘Yizani, nina basikelelweyo nguBawo, nixhamle uyolo lolawulo enalulungiselelwayo kwasekusekweni kwehlabathi;
35 kuba ndandilambile, nandipha ukutya; ndandinxaniwe, nandipha amanzi; ndandingowasemzini, nandamkela;
36 ndandihamba ze, nandambathisa; ndandigula, nandihambela; ndandisentolongweni, nandivelela.’
37 “Omphendula ke amalungisa esithi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, sakupha ukutya; unxaniwe, sakunika amanzi?