36 ndandihamba ze, nandambathisa; ndandigula, nandihambela; ndandisentolongweni, nandivelela.’
37 “Omphendula ke amalungisa esithi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, sakupha ukutya; unxaniwe, sakunika amanzi?
38 Ngaba sakubona nini na ungowasemzini, sakwamkela; uhamba ze, sakwambathisa?
39 Ngaba sakubona nini na ugula, okanye usentolongweni, sakuhambela?’
40 Wophendula ukumkani athi kuwo: ‘Ndithi kuni, inene, ekubeni nithe nenjenjalo nakomnye kula mawethu angawona agqusha eluthulini, nithe nenjenjalo nakum.’
41 “Wothi ke kwabo bangasekhohlo: ‘Mkani kum, nina baqalekisiweyo nguThixo, niye emlilweni ongunaphakade, olungiselelwe umtyholi nezithunywa zakhe;
42 kuba ndandilambile, naza ànandipha kutya; ndandinxaniwe, naza anandipha manzi;