4 Zona ezizizilumko zathi kunye nezibane zazo zahamba ziphethe ioyile ngezitya.
5 Umyeni walibazisa ukufika, zaza iintombi ezi zonke zozela zalala.
6 “Ezinzulwini zobusuku kwamenyezwa kusithiwa: ‘Nanko umyeni; phumani niye kumhlangabeza!’
7 Zavuka ke zonke iintombi ezo, zazilungisa izibane zazo.
8 Zaza ezizizidenge zathi kwezizizilumko: ‘Sipheni kwioyile yenu leyo, kuba izibane zethu ziyacima.’
9 Kodwa zalandula ezizizilumko, zisithi: ‘Hleze inganeli kuthi nakuni, yiyani kwabayithengisayo, nizithengele.’
10 Kwathi ke, zisaya, wafika umyeni, zaza ezo ntombi bezisezilungile zangena kunye naye emsithweni, kwaza kwavalwa emnyango.