1 Xa uYesu wayewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe:
2 “Niyazi ukuba emva kweentsuku ezimbini iza kuba *yiPasika. Wothi ke *uNyana woLuntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.”
3 Ngelo xesha ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu abantu babehlanganisene emzini kaKayafa, umbingeleli omkhulu.
4 Babebhunga iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale.