11 Kaloku amahlwempu nisoloko ninawo; ke mna anisoloko ninam.
12 Le ntokazi ithe ngokwenjenje yawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam.
13 Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.”
14 Ngelo xesha uJudas Sikariyoti, omnye wabafundi abalishumi elinambini, waya kubabingeleli abaziintloko,
15 wathi: “Nondinika ntoni na ukuba ndithe uYesu ndamnikela kuni?” Ke bamnika amaqhosha amashumi mathathu emali yesiliva.
16 Ukususela ngoko uJudas wazungula ukufumana ithuba lokumbambisa uYesu.
17 Ke kaloku ngowokuqala umhla *wetheko lezonka ezingenagwele, abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Ufuna ukuba siye kuyilungiselela phi na *iPasika?”