2 “Niyazi ukuba emva kweentsuku ezimbini iza kuba *yiPasika. Wothi ke *uNyana woLuntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.”
3 Ngelo xesha ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu abantu babehlanganisene emzini kaKayafa, umbingeleli omkhulu.
4 Babebhunga iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale.
5 Kodwa babesithi: “Oku makungenziwa ngePasika, hleze kubekho isiphithi-phithi.”
6 Kwathi uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon uZitshangubana,
7 kwafika umntu obhinqileyo eneqhaga lelitye lelabhastile, linesiqholo esixabiso likhulu kunene. Kwathi, uYesu esetafileni, le ntokazi yamgalela entloko ngesiqholo eso.
8 Bekubona oku, abafundi bakaYesu bakhathazeka, bathi: “Bekutheni ukuze kwenziwe le nkcitho ingaka?