45 Wabuya waya kwabo bafundi, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumle na? Niyabona, lifikile ixesha! *UNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni.
46 Vukani sihambe. Nanko; ufikile lowo undinikelayo.”
47 Kwathi, uYesu esathetha, wathi gqi uJudas ongomnye wabafundi abalishumi elinambini, ehamba nendimbane inamakrele neentonga, iphuma kubabingeleli abaziintloko nakumadoda amakhulu.
48 Ke kaloku umngcatshi lowo wayevumelene nabo ngomqondiso, esithi: “Lowo ndithe ndamanga, nguye. Mbambeni.”
49 UJudas ke waya kuYesu kwangoko, wathi: “Aa, Mfundisi!” Wamanga.
50 Waza uYesu wathi kuye: “Mfondini, uzokwenza ntoni apha?”Basondela ke, bambamba uYesu.
51 Wasuka omnye wâbo babenoYesu warhola ikrele, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe.