50 Waza uYesu wathi kuye: “Mfondini, uzokwenza ntoni apha?”Basondela ke, bambamba uYesu.
51 Wasuka omnye wâbo babenoYesu warhola ikrele, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe.
52 Waza uYesu wathi kuye: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho. Bonke abasebenzisa ikrele, baya kutshabalala ngekrele.
53 Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?
54 Bezinokuthini ke ngoko *iziBhalo ukungazaliseki, zona zithi kumele ukuba kube nje?”
55 UYesu ke ngelo xesha wathi kwindimbane: “Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngokungathi niphumele isihange? Bendinani ndifundisa imihla ngemihla *endlwini kaThixo, naza anandibamba.
56 Kodwa kunje ukuze kuzaliseke okwabhalwayo *ngabashumayeli bamandulo.”Emva koko ke babaleka bonke abafundi bakhe, bamshiya.