58 Ke yena uPetros wamlandela uYesu, ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, ukuze abone ukuba kuya kuphelela phi na.
59 Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina bobuxoki ngoYesu, ukuze bambulalise,
60 kodwa ababufumananga, nangona babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye. Ekugqibeleni kwavela ababini,
61 bathi: “Lo mntu uthe: ‘Mna ndingayichitha indlu kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.’ ”
62 Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wathi kuYesu: “Akuphenduli nento le na? Yintoni kanye le aba bayingqinayo ngawe?”
63 Kodwa uYesu wahlala wathi tu. Waphinda umbingeleli omkhulu wathi kuye: “Ndikufungisa uThixo ophilayo okokuba usixelele ukuba unguye na *uKrestu, uNyana kaThixo.”
64 Wamphendula uYesu wathi: “Nawe utsho. Ke ndithi kuni, ukususela ngoku niya kumbona uNyana woLuntu ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu.”