6 Kwathi uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon uZitshangubana,
7 kwafika umntu obhinqileyo eneqhaga lelitye lelabhastile, linesiqholo esixabiso likhulu kunene. Kwathi, uYesu esetafileni, le ntokazi yamgalela entloko ngesiqholo eso.
8 Bekubona oku, abafundi bakaYesu bakhathazeka, bathi: “Bekutheni ukuze kwenziwe le nkcitho ingaka?
9 Esi siqholo ngesithengiswe ngemali eninzi, kwaphiwa amahlwempu.”
10 UYesu, ekwazi abakuthethayo, wathi kubo: “Niyikhathazelani na le ntokazi? Indenzele into entle.
11 Kaloku amahlwempu nisoloko ninawo; ke mna anisoloko ninam.
12 Le ntokazi ithe ngokwenjenje yawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam.