61 bathi: “Lo mntu uthe: ‘Mna ndingayichitha indlu kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.’ ”
62 Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wathi kuYesu: “Akuphenduli nento le na? Yintoni kanye le aba bayingqinayo ngawe?”
63 Kodwa uYesu wahlala wathi tu. Waphinda umbingeleli omkhulu wathi kuye: “Ndikufungisa uThixo ophilayo okokuba usixelele ukuba unguye na *uKrestu, uNyana kaThixo.”
64 Wamphendula uYesu wathi: “Nawe utsho. Ke ndithi kuni, ukususela ngoku niya kumbona uNyana woLuntu ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu.”
65 Wazikrazula ke izambatho zakhe umbingeleli omkhulu, esithi: “Únyelise uThixo! Sisawafunelani na amangqina? Niyabona, nikuvile ngoku ukunyelisa kwakhe.
66 Nithini nina?”Baphendula bathi: “Úfanele ukufa.”
67 Bamtshicela ebusweni ke, bemxhimfa, baza abanye bembetha,