63 Kodwa uYesu wahlala wathi tu. Waphinda umbingeleli omkhulu wathi kuye: “Ndikufungisa uThixo ophilayo okokuba usixelele ukuba unguye na *uKrestu, uNyana kaThixo.”
64 Wamphendula uYesu wathi: “Nawe utsho. Ke ndithi kuni, ukususela ngoku niya kumbona uNyana woLuntu ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu.”
65 Wazikrazula ke izambatho zakhe umbingeleli omkhulu, esithi: “Únyelise uThixo! Sisawafunelani na amangqina? Niyabona, nikuvile ngoku ukunyelisa kwakhe.
66 Nithini nina?”Baphendula bathi: “Úfanele ukufa.”
67 Bamtshicela ebusweni ke, bemxhimfa, baza abanye bembetha,
68 bathi: “Sixelele, Krestu; ngubani lo ukubethileyo?”
69 UPetros ke wayehleli ngaphandle eyadini. Seza kuye esinye sezicakazana, sathi: “Nawe ubunaye uYesu waseGalili.”