71 Waphuma ke, esiya ngasesangweni, wabonwa sesinye isicakazana, esathi kwababelapho: “Naye lo wayenaye uYesu waseNazarete.”
72 Waphinda ke wakhanyela uPetros, wathi: “Inene, andimazi loo mntu.”
73 Kwakuba mzuzwana, abo babemi apho baya kuPetros, bathi: “Inene, ungomnye wabo. Nokuthetha oku kwakho kuyakudiza.”
74 Wasuka waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi loo mntu!”Kwathi ke kwangoko yakhala inkuku.
75 Walikhumbula ke uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Waphuma waya phandle, walila kabuhlungu.