9 Esi siqholo ngesithengiswe ngemali eninzi, kwaphiwa amahlwempu.”
10 UYesu, ekwazi abakuthethayo, wathi kubo: “Niyikhathazelani na le ntokazi? Indenzele into entle.
11 Kaloku amahlwempu nisoloko ninawo; ke mna anisoloko ninam.
12 Le ntokazi ithe ngokwenjenje yawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam.
13 Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.”
14 Ngelo xesha uJudas Sikariyoti, omnye wabafundi abalishumi elinambini, waya kubabingeleli abaziintloko,
15 wathi: “Nondinika ntoni na ukuba ndithe uYesu ndamnikela kuni?” Ke bamnika amaqhosha amashumi mathathu emali yesiliva.