12 Baza bammangalela ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, kodwa yena akaphendula nento le.
13 Waza wathi kuye uPilato: “Akuziva na ezi zinto zininzi bakumangalela ngazo?”
14 Kodwa uYesu akaphendulanga konke, kangangokuba yada yamangaliseka mpela irhuluneli.
15 Ke kaloku *ngePasika irhuluneli yayidla ngokusikhululela isihlwele umbanjwa abe mnye – lowo ke sasisithi simcele.
16 Babenombanjwa owayesaziwa kakhulu, ekuthiwa nguBharabha.
17 Sakuba ke isihlwele sihlanganisene, uPilato wathi kuso: “Nifuna ndinikhululele bani na: uBharabha okanye uYesu ekuthiwa nguKrestu?”
18 Watsho kuba esazi ukuba bamnikele ngomona uYesu.