30 Amtshicela, ayithatha ingcongolo, ambetha entloko.
31 Athi ke akuba ehlekise ngaye, amhluba loo ngubo, amambathisa kwaezakhe, aphuma naye, esiya kumbethelela emnqamlezweni.
32 Ekuphumeni kwamajoni noYesu, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon, aza amnyanzela ukuba athwale umnqamlezo kaYesu.
33 Afika ke kwindawo ekuthiwa yiGolgota (oko kukuthi iNdawo yoKhakhayi),
34 amnika iwayini exutywe nenyongo, ukuba ayisele. Akuyiva akavumanga ukuyisela.
35 Ambethelela ke emnqamlezweni uYesu, aza abelana ngezambatho zakhe, esenza amaqashiso ngazo.
36 Ahlala phantsi ke, amgada apho.