36 Ahlala phantsi ke, amgada apho.
37 Ngasentla kwentloko yakhe abeka ityala lakhe, kubhalwe kwathiwa: “Lo nguYesu uKumkani wamaJuda.”
38 Kunye naye kwabethelelwa nezihange ezibini eminqamlezweni, esinye ngasekunene esinye ngasekhohlo.
39 Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko,
40 besithi: “Wena ochitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise, ukuba unguye uNyana kaThixo. Yihla emnqamlezweni.”
41 Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko bahlekisa ngaye, bekunye nabachazi-mthetho namadoda amakhulu, besithi:
42 “Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. Ukuba únguKumkani wakwaSirayeli makehle kaloku emnqamlezweni; sothi ke sikholwe kuye.