45 Kuthe ke, ukususela kwintsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini.
46 Malunga nentsimbi yesithathu uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eli, Eli, lama sabhaktani?” (Oko kukuthi: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”)
47 Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Lo ubiza uEliya.”
48 Wabaleka kwangoko omnye, wathatha imfunxa, wayithi nkxu kwiwayini emuncu, wayincula ngoluthi, waza wambambela ukuba ayifunxe.
49 Kodwa abanye bathi: “Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.”
50 UYesu ke wakhala kwakhona ngezwi elikhulu, wawunikela umphefumlo wakhe.
51 Lasuka ke lakrazuka kubini ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo ukususela phezulu kuye ezantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka,