55 Kwakukho nabafazi abaninzi, bekhangele bemgama. Bona babengabalandeli bakaYesu ukususela eGalili, bemlungiselela.
56 Kubo kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi noYose, ekho kwanonina woonyana bakaZebhedi.
57 Kuthe ke lakutshona ilanga, kwafika umntu waseArimati owayesisityebi, ogama linguJosefu. Wayengumfundi kaYesu naye.
58 Yena waya kuPilato, wawucela umzimba kaYesu; waza uPilato wayalela ngokuthi makawunikwe.
59 Wawuthatha ke uJosefu umzimba kaYesu, wawusongela ngelinen ecocekileyo,
60 wawubeka kwelakhe ingcwaba awayesand' ukulixhola eliweni; waza waqengqa ilitye elikhulu, walivala ngalo ingcwaba, wemka.
61 Babelapho ngasengcwabeni ooMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi bebukele.