57 Kuthe ke lakutshona ilanga, kwafika umntu waseArimati owayesisityebi, ogama linguJosefu. Wayengumfundi kaYesu naye.
58 Yena waya kuPilato, wawucela umzimba kaYesu; waza uPilato wayalela ngokuthi makawunikwe.
59 Wawuthatha ke uJosefu umzimba kaYesu, wawusongela ngelinen ecocekileyo,
60 wawubeka kwelakhe ingcwaba awayesand' ukulixhola eliweni; waza waqengqa ilitye elikhulu, walivala ngalo ingcwaba, wemka.
61 Babelapho ngasengcwabeni ooMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi bebukele.
62 Ngengomso, ngemini elandela eyokulungiselela *iPasika, ababingeleli abaziintloko *nabaFarasi badibana noPilato,
63 bathi: “Nkosi, sikhumbule okokuba esahleli umlahlekisi lowa wathi: ‘Emva kweentsuku ezintathu ndiya kuvuka ekufeni.’