7 Babhunga ke, baza ngaloo mali bathenga umhlaba owawungowombumbi-zitya, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.
8 Kungoko nanamhla oku lo mhlaba ubizwa ngokuba nguMhlaba weGazi.
9 Kwazaliseka ke okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya, esithi: “Bâwathatha loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva, wona alixabiso lomntu (kuba lilo elo ixabiso lemali awamiselwa lona umntu ngoonyana bakaSirayeli),
10 baza bathenga umhlaba wombumbi-zitya ngawo, njengoko yandiyalelayo iNkosi.”
11 Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza isithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”UYesu wathi: “Nawe utsho.”
12 Baza bammangalela ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, kodwa yena akaphendula nento le.
13 Waza wathi kuye uPilato: “Akuziva na ezi zinto zininzi bakumangalela ngazo?”