1 Wakuba udlule *uMhla woPhumlo, ekuseni ngeCawe, kwafika uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beze kukhangela ingcwaba.
2 Kwasuka kwabakho ukunyikima okukhulu komhlaba, kuba isithunywa seNkosi sehla ezulwini, saza saliqengqa ilitye, sahlala phezu kwalo.
3 Imbonakalo yaso yayinjengombane, izambatho zaso zimhlophe ngokwekhephu.
4 Bathi ke ababegadile basoyika kangangokuba babe njengabafileyo.
5 Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni.
6 Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo.